Mây Mơ Màng Homestay Tà Xùa

Mây Mơ Màng Homestay Tà Xùa Một nơi để chill, một nơi để trở về 😍
IB ngay cho chúng tôi

13/09/2024

Hi guys I hope niya phila ndizo qala ngoxolisa for nqaba kanga but I promise you guys am gonna do better now

So nithini ndiqhube ondiqale esinye

13/09/2024

Shout out to my newest followers! Excited to have you onboard! Malatsi Nompondo, Savana Moses

08/12/2020

SEASON 1

INSERT 11

Siye sahambha sobathathu. Oko singena imizi ngemizi sikhangela ababantwana kodwa okukho nomnye umntu onomkhondo qha basenyusa besehlisa into abayenzayo bekusezinzulwini zobusuku ngo 2 ekuzeni kusa.Besele ndincamile mna yonke into besele ndiyinikele ezandleni zika thixo ngoba icacile thina soyisiwe naku singaba fumani abantwana kude kubeleli xesha. Siye sakhapha u nobonile waya kwakhe then nathi sahambha sayolala. Phof umelumzi akakafiki endlini ne moto kwanyena asimazi noba uphii umntu ngamnye utshone kwelakhe icala lokulala. Mna oko ndihleli ndicinga ukuba inoba likwelikabani nah isana lam kazi ukuba lisaphila nah. Inoba utya nton wenzani nabani ndiye ndabiwa bubuthongo ndikwezo ngcinga
NOBONOLE POV:
Ndiye ndafika endlini ndakhe ndantywizisa kakhulu ngoba kaloku andinaye omnye umntana ngaphandle ko zethu. Kaloku umntanam wokqala zange alunge ngoba utatakhe wayendihluk*meza ndikhulelwe ngobunye ubusuku wandibetha wandibeka idolo esuswini kanti kubhubha kwesana lam lokuqala kengok andifuni kulahlekelwa nangulona umntana. Ndiye ndapha idolo ukutya kwalo. Ndacela enkosini ukuba aze andijongele u zethu wam kwaye amkhusele ngamaxesha onke kaloku kweli xesha langoku abantwana bayabiwa bayothengiswa phesheya. Ndiye ndazenzela I tea ndaphunga ndalala
MELUMZI POV:
Ok noko moc nindazi ngomelumzi u malume ka owam OK mna ndithe pha emini after u owam ephumile endlini ndaqonda nam mandikhe ndithathe imoto ndizule ilali Lena nyani ndiye ndenza njalo ndabe ndfuna I airtime ndaya ngase shop kulapho ndbone abantu abaninzi bengqhunge (something) then mna ndfike ndamisa imoto ndehla. Ndithe xa ndijonga haibo ingu owam nje lona ulele apha qha ker ngoku ibingeyinguye yedwa bebebabini. Belimele nyani kubonakala babethiwe hay nje kancinci and ingath bebe bethwa nangama planga apha ebusweni ngoba omnye lo ebenomngxhunya apha esidlelen and imbi bonakala ukuba ngumngxhunya wesikhwenkwane ndiye ndabuza ebahlalini ukuba kwenzeke nton ebantwaneni akhange kubekho nomnye ondiphendulileyo. Bavele bahambha abantu ndashiyeka ndime apho ndodwa. Ndiye ndabona ukuba mandibathathe ndibafake emotweni ndiba balekise esbhedlele ndingeka shiywa lixesha ngoba ingathi abaphefumli kakuhle bobabini. Ndabalekisa imoto ndayotsho egcuwa esbhedlele ndifike nje ndabe sendincedwa bathathwa basiwa straight e (TRAUMA) kwathiwa k*m mandihlale ezitulweni yonke into ndzayiva ngo gqhirha ndiye ndahlala apho kwade kwabetha u 3ekuseni then kweza u gqhirha k*m wathi bavukile abantwana
DOC:Molo bawo kunjan?
ME:Kuhle bhuti kunjan kuwe
DOC:kuhle nak*m ungangena ke bawo bavukile abantwana bakho
ME:abonzakelanga. Kakhulu phof
DOC:Hayi noko but kukho lona unenxeba ebusweni ngoyena ufuna uhoywa kakhulu
ME:Akanzakelanga kakhulu lona wesbini
DOC:Hayi uvaleke amehlo qha and udumbile apha emehlweni kunye nomlomo
ME:enkoc doctor ndingaya ndiyobabona
DOC:ewe ungaya cz sebevukile.
ME:ndyabulela gqhirha
DOC:Bendisenza nje umsebenzi wam ungaxhali mhlekaz
Ndiye ndahambha ndaya kubo ndifike belele ndahlala apha estulweni yabe amaxhesa ingu(3:55)iye yavuka la chommie ka owam yabe ibuza ukuba kuphi apha?
ME:U ryt ntombham?
GIRL:Ndiphi apha tata?
ME:Usesi bhedlele sana lwam, unguban igama lakho
GRL:Ndingu zethu tata sifike njan apha
ME:Mna ndingu malume ka owam ndini fumene ngase shop nilele khona caba bakhona aba banibethileyo banonzakalisa awukhumbuli kwato wena?
ZETHU:Siye sabethwa ngabanye oobhuti abayi 4 and bebe bonakala ukuba batshayile
ME:Bathi banibethelani cz banonzakalisile
ZETHU:Bebe funa isonka ebesiphethwe ngu owam and babe besithi masikhuphe ne fowni kunye ne Mali
ME:Kwenzeka nton emvakoko
ZETHU:Sabe siba xelela ukuba asinazo thins ifown and asizu kwazi ubanika imali nesonka ngoba sithunyiwe, Baye basibetha xa kulapho mna bandibethe nge planga zacima izbane andiyaz kwenzeke nton emvakoko
ME:Ndiya kuva ke sisi mandihambhe ndigoduke ndiyo xelela abazali benu banazi ukuba ni ryt inoba bane worry ngani sizo buya sonke emini xa siniphathele ukutya ke yeva.
Ndiye ndahambha ndagoduka ndafika ndanqonqoza ndavulelwa.kwabe kubuzwa ndisukaphi ngelixesha ndabaxelela sonke istory sabantwana then bathi bazovuka baye esbhedlele ngo1 ulingomso uye wafownela umama ka zethu bamxelela then wathi bazodibana edolophini ngo1 ngomso Then mna ndayo lala

💖💖🌼🌼PLZ LIKE AND SHARE

07/12/2020

NOLUVUYO:khame ndifownele u melumzi ndimxelele uba ndfuna imoto and owam ulahlekile
ME:cela ukhawlezise mama asina xesha....Uye wafowna umama kodwa ingena kwi voicemail ifown ka melumzi bendine xhala ker ngok ngoba k*mnyama kaloku kusezi lalini singadibana N**i nezthunzela ndiye ndathi Ku mama masiqale kulo amahle siye safika ker nyani sangena ngoba bekungekho zinja then sa knock emnyango
ME:knock knock
VOICE:ngubani lowo elixesha
ME:ndim ulingomso mama sihambha sikhangela u amahle
VOICE:Ngena ngaphakathi
ME:Molweni nonke ngaphakathi.
MAKA AMAHLE:Nithi nize nganton apha kwa elixesha
ME:mandiqale ndixolise kuwe mama nawe tata ngovele ndifike ngoluhlobo elixesha kodwa ke bendize Ku amahle ndizobuza uba akhange ambone nah u owam
MAKA AMAHLE:Amahle uthuleleni ke ngok ungaphenduli cz uyeva.
AMAHLE:Hayi kaloku mama ndithulele lento yoba u owam akayiyo neh friend yam kodwa uzobuzwa k*m namhlanje
ME:Uxolo amahle besingayazi thina lonto ukuba anisa chomenanga
AMAHLE:(EDLALA NGOBUSO)Ohh akhange ndimbone ke u owam and ndacela ningaphinde nize ekhaya nizondbuza ngo owam cz akayiyo ne chommie yam.
ME:enkosini mama nawe tata nawe amahle.
Siye saphuma nomama odala.aiy ke ngok u amahle suke andamazi noba isenguye ngoba azange wathetha nam ngolwahlobo okanye yilento ebona abazali bakhe and nabo bathule. Bendine worry kakhulu kengk ngo owam ngoba nor amahle uthi khange ambone
Ndiye ndacinga ukuba ndikhe ndiye kwar nobonile umama ka zethu.ndiye ndathi Ku mama masiye kwa nobonile.endleleni oko ndicinga ukuba ingathi kanti wabandayo umntanam kwindawo endingayaziyo.siye sayo fika kulo zethu wabe umnyango wakhona uvuliwe and umama wakhe esehla esenyuka apha ngaphakathi ngathi ngumntu lo uve umphanga.siye sama emnyango
ME:Scela ungena!
NOBONILE:(ESOTHUKA)Ngenani ngenani bo sisi
ME:enkosi mama asizubuza ne mpilo ngoba ndyabona uba awukho ryt
NOBONILE:Andikho ryt nyani ubonanje and bendingumntu ofuna ukuya kwakho ndiyojonga u zethu ngoba akakabuyi oko emnke apha esithi uya Ku owam
ME:(BENDIWAKHUPHE ONKE AMEHLO)Hybo undixelela ntonina sisi ngoba khange ndimbone mna u zethu endlini and no owam ulahlekile ebephume eyothenga isonka maybe baye badibana endleleno or e shop ngoba nyani u zethu akhange ndimbone
NOBONILE:(Ebethwele izandla entloko elila)ungandxeleli ukuba u zethu ulahlekile yini sana lwam lok'qala nelok'gqhibela endalifumana nzima.
NOLUVUYO:(ETHUTHUZELA)Thula kaloku sisi nawe sucinga kakubi inye thina into engesiyenza ngok kuphuma singangele abantwana..

🌼🌼💖💖plz like and share ndinithanda nonke

30/11/2020

Hlw guys ndigqhibile ngk ubhala so let's rock n roll focus on reading m gonna post everyday start from tommorow😍😍

23/11/2020

INSERT 10

LINGOMSO POV

Besele ndinexhala ker ngoku ngoba akabuyi u Owam amaxesha ibingo 7 and bek*mnyama phandle oko ndisehla ndisenyuka apha endlini yade yabuza I ccter ka mama uba uphi u Owam.
NOLUVUYO:Lingomso kanti uphi u Owam ngoba sekurhatyele noko phandle
ME:Andimazi nam mama oko ebephume eyothenga isonka ukuba esithi ulambhile.
NOLUVUYO:Hayi ngumhlola lo walomntwana ingaba lomntana sekefunda ubana makhwenkwe ngoku
ME:Hayi asoze ayenze lonto u Owam ndamazi and akafani aphume apha endlini uphuma xa eyokwenza umsebenzi weskolo kilo zethu qha
NOLUVUYO:Yehlisa umoya Lingomso uzobuya umntana masilinde thina kubethe nje iinsimbi yesbhozo (8) then sihambhe siyomkhangela khona uphi u melumzi
ME:(BENDICAPHUKA) ndzoyazelaphi mna ukuba iphi indoda endala Hayi nawe kodwa ayikho le undibuza yona
NOLUVUYO:(EKHUPHE AMEHLO)Sorry sisi akhange ndiyiqonde
ME:Ndim omele axolise mama cz azange yenzeka lento.ndiyakucela bawo ungandithatheli u Owam ndakcela sombawo(besendintywizisa nam)
NOLUVUYO:Lingomso suycinga noyicinga lonto akunothi usisi enentsuku ezintathu (3days) ebhubhile, kube sekusweleka u Owam, ndakucela sulahla ithemba sisi plz and ubethile u 8 ngok masinxibe shushu siphume simkhangele umntana.

ME:Unyanisile mama mandingayi cingi lonto ngk...Siye sanxiba saphuma phandle uthe umama xa eyothatha izkhiya zemoto wakhumbula ukuba umelumzi uhambhe nayo imoto.
NOLUVUYO:Khame ndfownele umelumzi ndimxelele ukuba ndifuna imoto and u Owam ulahlekile..

TO BE CONTINUE

🌼🌼💖💖PLZ LIKE AND SHARE

23/11/2020

COUTINUESLY

OWAM POV:
Ndiye ndathatha imali Ku mama ndaphuma ndithe xa ndise gatin ndadibana no zethu engena ndaya kuye
ME:sweetibility wam
ZETHU:Lovidavity wam
ME:And then
ZETHU:Ndize Kuwe chommie
ME:Ok chommie masambhe ke undikhaphe ndiya e shop
ZETHU:Masiye chomy
Siye sahambha nozethu, sabe sincokola izinto zethu ezingabhadlanga. Siye safika e shop sathenga isonka sahambha. Sithe xa sesigqhibo phuma e shop kwathi gqhii u Amahle ehambha neqhuba lamantombhazana. Siye sasondela ngakubo.
AMAHLE:Yheey Nina bonondindwa
US:Molo nawe Amahle
AMAHLE:Nibekwa yinton apha.
ZETHU:Besize e shop khona kutheni ubuza or ikhona ingxak ngokuza evenkilen.
AMAHLE:Ewe ikhona
ME:Yinton leyo chomy and ngobani aba uhambha nabo.
AMAHLE:Ungakhe ulinge uthi I chommie zam ngaba plz cc cz asoze uthande.
GIRL1:(ESITYA E CHAPPIES)yaz usile loh chommie uyayfuna impama apha phakathi kwamehlo ngok
GIRL2:Yaz unyanisile mzala and bafuna impama bobabini aba zizinto ubusxelela ngazo izolo chomy ezi(EBUZA KU AMAHLE)
AMAHLE:Ewe ngabo chommie zam
US:Caba ubusithini ngath Amahle
AMAHLE:Uyabona Nina nobabini andifuni nophinda ndinibone and ndanonyanya especially wena Owam lento isokolayo......Yaz bendingenawo amandla akhe tuu u Amahle bcz andimaz ungenwe yinton Cz andyaz why ethetha ngath kwi chommie zakhe
AMAHLE:Yewena Owam ucinga ntoni or ucinga lento ndiyithethayo cz uyayaz nawe uba yinyani
ME:Cela undiyeke Amahle plz and ndicela nisuke endlelen sifuna ugqhitha.
AMAHLE:Mamela cc andina xesha lalento uyithethayo mna cz andizugqhitha apha girls bethani ezizinto(kwabe kuxokozelwa yingxholo lamantombhazana uba betha betha betha)
Zize zibaleka ker I girls kuthi yhoo abasibetha mahn sazama ukulwa kodwa bebebaninzi "yhoo nqandani bethuna yabe izizijwili nencwina ziye zacima k*m no zethu izibane safa isqaqa.

💖💖🌼🌼 plz like and share my peeps

18/11/2020

SEASON 1

INSERT 9

LINGOMSO POV:

Bendisando kwezela u melumzi kunye no mama ukutya kuba besithi balambhile. Kuye kwangena u Owam kwezoz'thuba. Wangena wandibulisa
OWAM:Molweni nonke ngaphakathi.
MONCINCI:Awuse umdala Owam khawze aphuze umakhulu wakugqhibela kdala kaloku....Uye waya u Owam ndimbona ukuba akakhululekanga sogqhiba waya ekamereni yakhe wayokhulula impahla yeskolo. Ndiye ndaya kuye e roomin yakhe ndafika ehleli phezukwe bhedi yakhe.

ME:Owam yinton sisi
OWAM:Njani uba yinton mama?
ME:Aiy klk ndibona ingathi awukho ryt ngk ebesith u monci wakho yiza aphuze.
OWAM:Ohh ayikanti mama andinanto qha ndothuswe yilento ade afune ukundiphuza kodwa mna andimazi cz ndazi umalume umelumzi qha mna
ME:Asoze umazi wena klk umama wagqhibela kudala apha inob wena wawune nyanga eziy 5 or 6 yiyo lento esithi wakugqhibela kudala.
OWAM:Ndiya kuva ker mama worse ndilambhile ker sarna
ME:Ikhona inyama ebendize nayo e town namhlanje
OWAM(Engasencume ingathi umnka nomsinga)cela yona mama plz
ME:Asikho isonka kuzomele uyosthenga
OWAM:Cela imali ker mama.....ndiye ndaya e roomin yam ndakhupha imali ndayonika u Owam wahambha ndasala mna ndiyohlala no melumzi

OWAM POV:
Ndiye ndathatha imali k*mama ndaphuma ndithe xa ndisithi e gatin ndadibana no zethu engena ndaya kuye.
ME:Chommie
ZETHU:Hey peto

TO BE CONTINUE🌼❤❤❤💖💖🌼

18/11/2020

SEASON 1

INSERT 8

Uye wahambha u Owam ways eskolweni ndasala ndi clean apha eyadini then ndayohlambha ngoba bendizoya edolophini ndiyosayina amaphepha ombutho kwenzele ndizotsho ndiyokhetha ne bhokisi ka mama, and bendiyothenga ne peyinti ngoba kaloku uthe u moncinci uzoza no malume azo peyinta izindlu zonke. Ndiye ndahlambha ndagqhiba ndathatha I pesi yam ndaya e stophini yafika nyani imoto ndakhwela yayotsho edolophini ndiye ndehlika ker nyani ndive ngomntu seyendibambha emagxheni.
"Ntombham komele uqine iinkulu into esezokwenzeka kwela khaya uhlala kulo.
ME:Uthetha nganton tata?
" Ungaze umphoncule lamntana wakho ntombham ngoba uzakwenzakala
"Uthetha ngo Owam lo wam?
" Qaphela sisi kungenjalo uyakwethuka sekonakele ulibele kulala nje ... Ndithe xa ndizomphendula lotata wavele wandishiya apho ndingambuzanga noba ungubani waphi lento ezandixelela into ezinje kodwa uyaqala nondbona. Ndishiyeke ndizibuza iimibuzo emininzi engenampendulo ke ndabe ndingamanga ndihambha caba Ndithe apha ekuhamhheni kwam ndagila xhekwazi lithile kanti ndifike inyanga iphelile kanti ndiyibhudile.
ME:Ouch yhoo uxolo mama
"Kanti ujongephi lento ungazondbona ndimngaka.
ME:Akhange ndikubone mama ngoba ndikude ngengcinga.
" ukude nton nibhubha nibancinci nje zezizinto nizenzayo umntu akugile sogqhiba athi akakubonanga, andinyathelwa ker mna mntanam uyandiva okanye ulibambhe lingatshoni
ME:Sorry mama andenzanga ngamabom plz sude ushwabule mama yini
"Khohambhe phambh kwam ntombhazana ndini uyandinukisela ngezi ntsimbi zakho(YABE IDOLOPHU ITHE NTSHO AMEHLO KUTHI)

Ndiye ngahambha ndidanile ndinjalo ndabe ndinawo nomsindwana ntonje ndabe ndizbambhile ngoba ngumntu omdala alok lona, aibo lomama angathini uthetha ngoluhlobo athetha ngalo kodwa akandazi nondazi. I mean zange wandibona nasemdudweni wamasele kodwa uthi iintsimbi zam ziyamnukisela haibo ndalingwa edolophini. Ndiye ndahlambha ndaya kule office yakwa old mutual then nda sign ker ndakhetha nebhokisi kamama ibintleke inesidima ibonakala ukuba yeyomntu omdala. Uye wathi ke lo bhuti ebendi sayinisa amaphepha imali izongena after 2days then ndahambha ndayothenga nje okuncane kwasendlini. Ndayokhweka ndagoduka ndifike ekhona umoncinci kunye no malume and amaxesha bekuphe kweyokqala emini(13:00)emini.

OWAM POV:
Besise lunchin Akhange ndimbone ke namhlanje u Amahle. Bendihleli phantsi komthi then kwathi gqhi u zethu my best friend. Ebephethe iskhaftina.
Zethu:hey nomdakazana
ME:my lovely friend!!
ZETHU:Awunqabe chomam yini kangaka
ME:ndikhona nje shlobo Sam
ZETHU:Akhange ndikubone izolo apha eskolweni kutheni Akhange uze since kwehle esa sehlo sika makhulu wakho
ME:bendizile chommy qha ndiye ndagula then u Mr Buso wandigodusa kwak'sasa Kant khange akuxelele u Amahle ngoba ebendibonile (U AMAHLE IZOLO EBENDIBONILE NGOKU NDIHAMBHA NO TITSHALA WAPHINDA WANDIBONA NGOK NDIGODUKAYO NO MAMA.)
ZETHU:Aiy ker sisi ndiye ndambuza ukuba khange akubone nah wathi hayi, nd usuke watshintsha mvanje u Amahle.
ME:Andiyazike ukuba nam yinton ingxak yakhe cz nam ndiqaphela lonto uphi yena ngok?
ZETHU:Akazanga and izolo akhange afune uhlala nam and ndiye ndamyeka and ker sisi unetchommy ezintsha wahambha nazo u grl.
ME:Hybo nyani?
ZETHU:Ewe bbe masimyeke ngolwahlobo cz thina akhange simenzento moc
ME: Worse ker sana izolo ekuseni ebecela uxolo kuba angakhange aye ekhaya kulamcimbi ka mama, kanti uyazazi yena uyandbhanxa
ZETHU:Hay Amahle use wathini nayena
ME:Masimyeke we2 olwahlobo alulo.

Kuye kwakhala intsimbi sayongena eziklasini then safundiswa kwaphuma iskolo mna ndiye ndalinda u Zethu ngase klasini ngoba ebebhala and andiyazi nelento ayibhalayo iskolo siphumile uye waphumake u zethu then sagoduka oko sihambha sincokola sihleka sonwabile nomngani wam kuye kwafikelela exesheni loba umntu makangene ngom mgxhunya wakhe then ndavalelisa Ku bbe wam ndagoduka

❤❤💖💖plz like and share love u all

17/11/2020

Sorry guys I will post 2post tommorow to repay today's post love u all

16/11/2020

SEASON 1

INSERT 7

LINGOMSO POV:

Yazi bendinomsindo yalento yenziwe ngu mama. Angayenza njani into enje iminyaka emingaka sisokola kodwa yena uyayazi unemali ayinkonyileyo ixesha eli lonke kodwa besikhe silale singatyanga nganxayakhe. At the same time am proud ngalento ayenzileyo ngoba uzobamhle umngcwabo wakhe and kuzothengwa nenkomo yomkhapha. Besele ndise roomin yam ndikhulula iimpahla ezampahla ebendizinxibile ndanxiba I pj's zam ndakhwela ebhedini yam ndacofa ifown yam, ndithe ndisaycofa njalo kwakho into ethi qatha engqhondwen yam uba mandifownele u sister ka mama ndiyixelele ezindaba zimnandi kangaka.....calling
MONCINCI:Hlw
ME:molo mama unjani?
MONCINCI:ndiyaphila ntombham unjani kodwa wena
ME:ewe ndiyaphila mama ndiyathemba nihambhe kakuhle nomalume.
MONCINCI:ewe sana lam sihambhe kakuhle ingaba ikhona into engahambhi kakuhle kuni apho ngoba ngomco ngo 3 ndilapho.
ME:hay mama yonke into I ryt ngoba mna ndise bhedini kuba ndilungiselela ulala, so ndithi mandikuxelele ezindaba zimnandi kangaka zishiywe ngu sisi wakho.
MONCINCI:ingaba zithini ezindaba nah sana lwam?
ME:After nimnkile mna no owam sithe masikhe si clean la room ka mama, nyani ke siye senza njalo ndathi Ku owam maka songe iingubo akhuphe ne pilo zemiqamelo bcz ngomso ndzazihlambha wenze njalo naye ker u owam kweminye yemiqamelo kamama kuye kwapoqa ileta yabe ihambha kunye ne card le Mali ithe kanti kukho imali ayishiyileyo umama
MONCINCI:ithini yona ileta?
ME:uzozifundela ngokwakho xawfika ngomso.
MONCINCI:OK ke lingomso, kodwa wenze into elungileyo u Boniswa cz sizotsho sikwaz umthengela nenkomo yomkhapha.
ME:ewe mama cz nam bendicinga njalo ngoba angaqumbha naye xasinongamenzelinto ngoba imali ikhona masiwenzeni ubemkhulu lomgcwabo and kofuneka ndixelele u malume azame inkomo etyebileyo.
MONCINCI:Ndizoza naye ngomso umelumzi (igama lika malume)bcz ndifuna epeyintile izindlu zonke ngaphakathi nangaphandle mandilale wethu sisi sothetha ngomso xa ndilapho.
ME:okay ke mama gdnyt
MONCINCI:Nyt sana lwam.
CALL END......
Ndiye ndabiwa bubuthongo ndalala.(THONGOLAND) ndiye ndaphupha umama Emile and ibingathi ngumntu lona wonwabileyo ndithe xa ndisondela kuye wavele waphela emoyeni. Ndiye ndothuka ndithe xa ndijonga ixesha ibingu 6:30 ndasose ndavuka ndayopheka isdudu ndabekela no owam amanzi ohlambha ndaya e roomin yakhe ndafike esalele
ME:(BENDIKHWAZA)Owam vuka awuliboni ixesha ukuba nguban vuka sisi
OWAM:5min mama ndzovuka ngok I promice
ME:Hay hay vuka wena (EBETHANDA ULALA KE U OWAM)amanzi akho ashushu.
OWAM:Okay ker mama ndiyavuka but cela wena ube undendlulela ibhedi plz mama wam endimthandayo ngentliziyo yam yonke
ME:Ok hambho hlambha ker wena

Uye wahamba u Owam wayohlambha then mna ndasala ndilungisa ibhedi yakhe then ndayomphakela isdudu wabuya wanxiba I uniform yakhe watsho wahambha waya eskolweni...
💖💖❤❤🌼🌼🌼
Like and share guys love u all😘😘

15/11/2020

CONTINUESLY

ILETA KAMAKHULU:

Lingomso nawe owam niya yazi ukuba Uboniswa uyanithanda. Ndiyayazi ukuba besingathathi ntweni kodwa mna no lingomso besizama kangangoko sinako ukuba silaleni sityile futhi besiqinisekisa ukuba no owam ufumana yonke into ayfunayo nqu nento zakhe zeskolo. Owam uyayazi nguwe wedwa kuphela umzukulwana endinaye kulomhlaba ngoku ke ndiyakucela sana lwam ungaze umlahle unyoko fut niphilisa kulo mhlaba noba sekwenzeka ntoni.bantwana bam ubomi bunzima kunezinto eningasoze nizazi, ngalamazwi ndithi thandanani nihlalisane kakuhle ndiyanithanda kakhulu. Owam sana lwam ungaze usiyeke iskolo ngoba nguwe ozokhupha u lingomso kulentlungu akuyo. Lingomso ndithi kuwe unyamezele sana lam ungajongi ngemva ngoba kubi okuzayo ndcela uqine sana lam. Kweli card nilibonayo linemali engange R200 000. Lemali ndayigcinela Nina kuba ndingafuni nisokole mhla ndasweleka. Lingomso sana lwam ndicela undixolele ndayazi besingena Mali ndabe mna ndinemali endiyifihlayo kuni kodwa kuyo yonke lonto bendisenzela Nina. Then I pin ye card ithi 1930 unyaka wam wozalwa lowo.nihlale niyazi ukuba ndiyanithanda and ndzohlala ndinani ngamaxesha onke.
MAMA:(EBELILA)Why umama esenza kanje?
ME:(NAM NDABE NDINTYWIZISA INYEMBEZI)Andaz nam mama and ubhale kabuhlungu kule leta yakhe.
MAMA:Thula sana lwam yonke into izolunga and I promice you bbe soze ndkulahle vha.
ME:Nam mamam ndiyathembisa soze ndkulahle ndzohlala ndinawe ngamaxesha onke.
MAMA:(ETHATHA I CARD KUM)Sapha I card owam, noko imali usishiyele and lemali yakhe sizomenzela umgcwabo omkhulu yaye omhle siwise nenkomo yomkhapha.
ME:Mama madigqhibezele apha siyopheka cz kuba kusebsuku ngk......Nyani siye sagqhibezela then sayopheka nomama wam oko mna ndicinga lento ithethwa ngumakhulu kula leta yakhe. Kuye kwavuthwa ukutya then satya savasa izitya sayolala.

💖💖🌼🌼❤❤like and share my good peeps love you all😘😘😘

Address

Bắc Yên
Son La
360000

Telephone

+27717905639

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Mây Mơ Màng Homestay Tà Xùa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Mây Mơ Màng Homestay Tà Xùa:

Share

Category